Inkokheli ye-UDM uNjengele Bantu Holomisa uyavuma ukuba bayasilela bengumbutho ukuthengisa umqulu wezithembiso khon'ukuze likhule iqela lakhe. UNjengele utsho esithi ukulungele ukukhokela iMpuma Koloni njengenkulubaphathiswa.
Iindabazethu: youtu.be/xN2cwXOxfqM
#iindabazethu
Inkokheli ye-MK Party umnumzana Jacob Zuma uthi lombutho sungulelwe ukulwa nentsokolo yabantu abamnyama.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Umbutho iKathrada Youth Activism ibambisene neRivonia Circle iqaqambisa umdlalo webhodi nojolise ekukhuthazeni nokuxhobisa ngolwazi ulutsha ngemigaqo nkqubo yonyulo kweli.
Iindabazethu: youtu.be/xN2cwXOxfqM
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Iziphumo zemidlalo ye-Dstv Premiership kwanobume be-Log emva kwemidlalo yanamhlanje.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Uwongiwe ngegalelo lakhe leminyaka engamashumi amabini anesihlanu u-Itumeleng Khune edlalela iKaizer Chiefs.
#iindabazethu | #newsonwethu | #KaizerChiefs
Igalelekile e-Orlando Stadium eSoweto inkokheli yeMK Party umnumzana Jacob Zuma.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Selixhume layakutsho kumashumi amathathu anesibini inani labantu abasweleke kwintlekele yokudilika kwesakhiwo saseGeorge eNtshona Koloni.
#iindabazethu | #GeorgeBuildingCollapse
Umongameli we-ANC umnumzana Cyril Ramaphosa ugayinxaso kwiphondo laKwaZulu-Natal, namhlanje uthetha nabahlali kwiholo yaseSibusisiwe.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Sebeqalile ukuphokoka abaxhasi bombutho iMK Party kwibala iOrlando eSoweto eRhawutini nalapho inkokheli yalombutho umnumzana Jacob Zuma kulindeleke ukuba enze intetho ezakuba ngumkhomba-ndlela weliqela.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Zidandathekile iintsapho zamaxhoba kwisakhiwo sase-George nanjengoko ziqengqeleka iintsuku zingekafumani nkcukacha ngamalungu azo nekukholelwa ukuba asavaleleke kobubugoxo besakhiwo.
#iindabazethu | #GeorgeBuildingCollapse
Ngumdliva webhola ekhatywayo ngalenjikalanga nanjengoko onke amaqela e-Dstv Premiership edlala, yonke imidlalo yanamhlanje iqala ngentsimbi yesithathu.
#iindabazethu | #newsonwethu | #DstvPremiership
Inkokheli ye-UDM uNjengele Bantu Holomisa ubhengeze ukuba ufuna isikhundla sokuba yinkulubaphathiswa yephondo lase Mpuma Koloni.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Inkokheli yeMK Party umnumzana Jacob Zuma esenza intetho yakhe kwi-rally yalombutho ebanjelwe e-Orlando Stadium eSoweto.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Selibalelwa kwishumi elinesixhenxe inani labantu abathe baphulukana nemiphefumlo kwintlekele yaseGeorge. Ukuzakuthi ga ngoku kuhlangulwe abantu abayi-45, abezohlangulo basakhangela abayi-35 ekukholeleka ukuba base ngaphantsi kwesisakhiwo.
#iindabazethu | #GeorgeBuildingCollapse
Umongameli weli umnumzana Cyril Ramaphosa uthi azakubuyekezwa onke amaxhoba eNtlekele yesakhiwo sase-George eNtshona Koloni.
Iindabazethu: youtu.be/A9bIH2obFD0
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Kuhlangulwe omnye umntu esaphila kwintlekele yase George. Ukuza kuthi ga ngoku bayi-39 abantu ekukholeleka ukuba basabambeke ngaphantsi kwesisakhiwo nesidilike ngoMvulo waleveki, balishumi elinesithathu abaswelekileyo.
#iindabazethu | #GeorgeBuildingCollapse
Umongameli weli umnumzana Cyril Ramaphosa uthi azakufumana imbuyekezo amaxhoba entlekele yesakhiwo sase-George eNtshona Koloni. Uthi bengurhulumente bazakuncedisa iintsapho zamaxhoba ngemingcwabo baphinde bancede abo basesibhedlele.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Umongameli we-ANC umnumzana Cyril Ramaphosa ephelekwa yinkulubaphathiswa yephondo laseMpuma Koloni bakwinkonzo i-St John's Apostolic Faith Mission eCala namhlanje.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu
Umongameli weli umnumzana Cyril Ramaphosa undwendwele kwindawo yentlekele eGeorge eNtshona Koloni. Umongameli kulindeleke ukuba adibane nezihlobo zabo bathe zachaphazeleka kwesisiganeko.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu